UDeon Hotto we'Orlando Pirates noDevin Titus weStellenbosch FC emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Athlone Stadium izolo.
Image: OP/Facebook
Ambalwa kakhulu amathuba we'Orlando Pirates xa kuthethwa ngokuphumelela indebe yeBetway Premiership kwisizini eqhubekayo. Emva kokudlala ntanganye ngeqanda macala neStellenbosch emdlalweni weBetway Premiership obuse'Athlone Stadium ngoLwesibini wale veki, iPirates mayichithe amanzi ngoba inkukhu ibalekile. Ngeke ikwazi ukufumana iqela eliphambili.
Bekunyanzelekile iPirates iyibete iStellenbosch egqibe umdlalo iqhwalela ngenxa yomdlali wayo onikwe ikhadi elibomvu kwangoko kwisigaba sokuqala somdlalo. Noxa umdlalo ulawulwe yiPirates kuzo zozibini izigaba zomdlalo - kodwa iStellenbosch ikwazile ukuvala amazibukoo kwade kwaphela umdlalo.
Inqaku elinye elifunyenwe yiPirates alenzanga umahluko ngoba iMamelodi Sundowns ehleli phezulu ibethe AmaZulu ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership yatsho yavula umsantsa weshumi elinesibhozo lamanqaku. IPirates isenemidlalo emine engekayidlali - kodwa akukho siqinisekiso sokuba iza kuyiphumelela yonke. Ngaphezulu, amanqaku waloo midlalo angaphantsi kulawo afunekayo ukuze ifumane iSundowns.
Ethetha emva komdlalo, uJose Riveiro uvumile ukuba umdlalo ogqithileyo ubunzima. "Kunzima ukudlala neStellenbosch kweli bala. Inqaku esilifumeneyo libalulekile noxa sizama ukufumana amanqaku apheleleyo kuyo yonke imidlalo esiyidlalayo," utshilo uRiveiro emva komdlalo eKapa ebutsheni bale veki. Kwakhona uvumile umqeqeshi ukuba iziphumo eziveliswe liqela lakhe azilincedi konke konke.
Ngoku kufuneka ibethwe iSundowns emidlalweni yayo ukuze iPirates ikwazi ukuvala umsantsa phezulu kwiBetway Premiership. Ambalwa amathuba okwenzeka kwalo nto ngoba iSundowns idlalela ukukhusela indebe yayo. "Besidlala kakuhle kwade kwavela ikhadi elibomvu. Omabini amaqela adlale ngendlela ebewulungiselele ngayo umdlalo.
IPirates iwulawule umdlalo ngokucacileyo yabe yona iStellenbosch izama ukusiqubula ngabadlali abafana noDevin Titus no-Ashley Cupido obedlala njengefolosi. Akululanga ukudlalela kwibala esidlale kulo," utshilo uRiveiro obenethemba lokunika iPirates eyona ndebe ibalulekileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Kulindeleke ukuba iPirates izame ukukhusela iNedbank Cup eyiphumelele kwisizini egqithileyo.
Related Topics: