UMongameli Cyril Ramaphosa ekunye noBrad Smith onguSekela Sihlalo kunye noMongameli weMicrosoft.
Image: Timothy Bernard
UMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uqhwabele izandla inkampani yakwaMicrosoft ngokutyala imali engaphaya kweebhiliyoni ezintlanu zeerandi (R5.4 billion) ukwandisa iziseko zobuchwepheshe eMzantsi Afrika.
Kumsitho obubanjelwe eRhawutini, uRamaphosa wenze intetho ephambili esamkela le nkampani kweli loMzantsi Afrika.
Ingxelo kaMicrosoft ithi le nkampani ineenjongo zokutyala imali kweli loMzantsi Afrika nakumazantsi weAfrika ngeenjongo zokuhambela nezinga elingxamileyo lobuxhakaxhaka bale mihla.
"Siyanamkela kwaye siliqhwabela izandla neli nyathelo lokuba niza kutyala imali niqeqesha abantu boMzantsi Afrika kwiArtificial Intelligence (AI), sithembisa ukuba siza kusebenzisana kakuhle kakhulu nani," utshilo uRamaphosa.
Le nkampani sele ichithe imali engaphaya kwamashumi amabini eebhiliyoni zeerandi (R20.4 billion) eKapa naseRhawutini ngokwakha amaziko ahambelana nala maxesha ngokobuchwephesha. ULillian Barnard wakwaMicrosoft uthi eli nyathelo liza kuqhubela phambili iinzame zorhulumente woMzantsi Afrika zokuhambelana nezinga lehlabathi kwezobuchwephesha.
"Oku kuza kunceda ukuvula amathuba wokuba uMzantsi Afrika ukwazi ukuphucula indlela ezenziwa ngayo izinto kwezoshishino nakumasebe karhulumente ngokubanzi," kutsho uBarnard.
Le nkampani iyaziwa ngokuncedisa ukuseka amaziko eekhompyutha ezikolweni ngokukodwa emaphandleni welizwe loMzantsi Afrika.
USekela Sihlalo noMongameli weMicrosoft kwihlabathi, uBrad Smith, wenze intetho kulo msitho echaza ngokuza kwenziwa nguMicrosoft eMzantsi Afrika.
"Inkampani yethu iMicrosoft ineminyaka engamashumi amathathu ananye ikweli loMzantsi Afrika, kuyandivuyisa ukuba ndandikho ukuqala kwethu ukusungula amaziko wethu okuqala kweli loMzantsi Afrika," kutsho uSmith.
Related Topics: